Thursday 24 July 2014

NGOs and Social Movements

Umama- Gladys Mpepho, ngusihlalo wombutho obizwa ngeUnemployed People’s Movement (UPM), enye yemibutho eqhanqalazo eRhini/Grahamstown, eMpuma Koloni. UThembani Onceya, kwintsuku ezidlulileyo ebebambe udliwano ndlebe noMaMpepho malunga nendima edlalwa yimibutho yokuhlala (NGOs) ekuziseni umthetho eMzantsi Afrika.


Ungatsalela iUPM yaseRhini/Grahamstown kwezinkcukacha 0466222318 okanye uthande icandelo labo ku- facebook.

Click here for the English version.




Thembani: Bendicela uzazise mama.

MaMphepho: Igama lam nguGladys Mphepho, ndingusihlalo wombutho wabangasebenziyo (Unemployed People’s Movement) eRhini/Grahamstown.

Thembani: Kutheni nje wangena kulombutho?

Mamphepho: Urhulumente wandenza ukuba mandingene kulombutho iUPM. URhulumente wasijikela singabahlali, basiqhuba ingathi asizonto, benza izithembiso ezingazofezeka kwaye bagqibele ngosinika ithemba lobuxoki. Ukuqala kwam ukuva ngalombutho ndabona uAyanda Kota. UAyanda wayethetha nabahlai basePhaphamani esithi maba “Toyi- Toyi” ukuba bafuna umbane ePhaphamani. Ndaya ndaqonda ukuba eyona ndlela yokuba urhulumente angaziva izikhalo zethu kufuneka silwe ngokuba siyakuhlala kunjalo ukuba asishukumi.

Thembani: Imibutho yokuhlala (NGOs) isebenza ncakasane nemibutho yezentshukumo (social movement). Ingaba lithini igalelolemibutho yokuhlala malunga nezokuzabalazela umthetho oqilima apha eMzantsi Afrika?

Mamphepho: Umna ngokuno-kwam andizithandi iNGOs ngokuba ndicimba ziyafana norhulumente okanye imibutho yoburhulumente. Indima yayo kukugushuza izamana nenxaso enokuthi iyinike imibutho yezoqhanqalazo kodwa lenxaso ihamba nendlela inqubo ezakubangayo ngoko ke andisoze ndithi bayanceda ngokuba bayayilawula ipolotiki yam kodwa abekho kulengxaki ndikuyo. Andiyazi ukuba njani bafune inxaso ngaphandle kobukho bam kodwa bathi imali izakunceda umna. Asibikho kwingxoxo kodwa bathi basebenzela thina kwaye abazi uzokusazisa ukuba kwenzeka ntoni kodwa thina kufuneka sibazise ukuba senza ntoni. Andizange ndabona namnye oweNGO kulandawo ndihlala kuyo nalopho sitoyi toya khona ngoko ke andinokuthi ndiyayibona indima abayidlalayo ekuhlaleni nasekulweni uthetho apha eMzantsi Afrika. Ndibavile abanye abantu besithi iNGOs ziyasebenza kwindawo abahlala kuzo kodwa kuleminyaka mithathu ndikwiUPM andinokuthi ndiyibonile intsebenziswano phakathi kwemibutho yokuhlala nengingqi esihlala kuzo. Baninzi abantu abazizi tyebi kweziNGOs oko ungakubona ngemoto abaziqhubayo. Ndihleli ndizibuza ukuba xa usithi ungumsebezeli wabangathathi ntweni, uphile njani kwimana xa oqabane bakho bengamahlwempu, ingaba ivelaphi lemali yokuthenga ezimoto zintle? Urhola malini umntu oyintloko kwiNGO? Phantsi kwezizizathu ndicinga ukuba bayafana nje norhulumente nemibutho yoburhulumente.

Thembani: Ingaba zikhona izinto ezincomekayo abazenzileyo?

Mamphepho: I-NGOs ezisebenza nemibutho eqhanqalazayo zincedisa ngokukhangela ezorhwebo ngenjongo zokuxhasa intshukumo ezizakwenzeka. Kubonakala ukuba ongxowa nkulu ababathembi abantu abasokolayo ukuba bangayi-sebenzisa imali yabo ngendlela, yilonto bekhetha ukusebenza nabantu abathile. Ngoko ke kufuneka sibulele ukuba iNGOs zisinceda ngokuzisa imali yokwenza inqubo zethu.

Thembani: Yinxaso enjani imibutho yezoqhanqalazo engayithanda kwiNGOs?

Mamphepho: Ndiyabulela ngokuthi uwubuze lombuzo. Okokuqala, I-NGOs kufuneka zisebenze nathi zingasebenzeli thina. Ukuba iNGOs zifuna ukunceda imibutho yezoqhanqalazo ngezorhwebo kufuneka zingazi nohlobo inqubo ekufuneka iyiyo kunokuba sonke kufuneka sinegalelo kwinqubo. Okwesibini, iNGOs nakunye nemibutho eqhanqalazayo kufuneka ziqwalasele ukuba abantu abatyi ingcinga, amaphepha okucela imali kwaye kubaluleki ukuba sazi abantu abanophila ngezibonelelo. Ndicinga ukuba iNGOs zingancedisa ngokukwenza abantu babesemandleni okuzenzela izinto kwindawo abahlala kuzo. Bendikhe ndathetha nenye inkokheli yaseRhawutini, ibisithi umbutho wabo ngenxa yamancedo ezorhwebo bakwazile ukuthenga izixhobo zokuthunga ezintlanu. Oko kuya komama abasebenza nabo ukuze bavule ishishini. Ukuba iNGOs zinga ncedisana nabantu basekuhlaleni nakunye nemibutho eqhanqalazayo ekuqaleni inqubo ezizakwenza abantu baphile kwisimo esihle lonto ingenza babebaninzi abantu abangenelelayo. Okokugqibela, ndingathanda ukubona iNGOs zisuka kulenyweba zikuyo, zize ebantwini, zingenelele kumzabalazo esijongene nawo, silwe izinto ezingalunganga ezenzekayo kwindawo esihlala kuzo. 

No comments:

Post a Comment